Inkululeko yokwenene ifuna ukuba siphelise intlupheko kwaye sidale imisebenzi.  I-DA iYazibophelele ekwenzeni oku.

Issued by Baxolile ‘Bax’ Nodada MP – DA Alfred Nzo Constituency Leader
27 Apr 2022 in News

Nceda ufumane inqaku lelizwi elincanyathiselwe nguBaxolile ‘Bax’ Nodada MP, nesicatshulwa esiguqulweyo sentetho yenkokheli ye-DA ebisenziwa namhlanje kwilali yaseGqanqu kuMasipala waseMzimvubu.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kumnandi ukubalapha kumasipala omhle waseMzimvubu kwisithili sase Alfred Nzo eMpuma Koloni.

Enkosi ngolwamkelo olufudumeleyo.  Ndibulela kwabo bathe bavela kwezinye iiwadi nomasipala balapha.

Nangona iMpuma Koloni isenamandla eANC, umyinge wamashumi amathathu anesithoba ekhulwini (39%) yabantu bale wadi bavotela iDA ngo2021. Umgqatswa wethu wewadi uLungelani Mrhamba wenze umsebenzi oncomekayo wokusasaza umyalezo weDA wokuba masenze izinto zenzeke.

Size apha ngoSuku lweNkululeko ukuzonibulela ngo vota ngobulumko.

bububulumko ukwazi ukuba ukuhlala kwindawo enzulu yasemaphandleni akuthethi ukuba kufuneka wamkele ubomi bentlupheko nongafumani inkonzo kurhulumente onilibele ngabom.

Bububulumko ukwazi ukuba ungenza ngcono kwaye ukhethe inkokheli nombutho ono tshintsha imeko yenu yentlupheko nongafumani inkonzo.

Size apha ukuzoniqinisekisa ukuba iDA izimisele ukuphelisa intlupheko nokudala amathuba emisebenzi. Sizibophelele kwinkululeko yokwenene hayi le siphiliswa kuyo ngu rhulumente wohlohlezakhe.

Namhlanje luSuku lweNkululeko, xa uMzantsi Afrika ubhiyozela isikhumbuzo sethu sokuqala sonyulo lwethu olungenabuhlanga ngomhla wama-27 kuTshazimpuzi 1994.

Ngolo suku lungaqhelekanga, iphupha lenkululeko yezopolitiko yomntu wonke lafezekiswa.

Ngaloo mini, isizwe sethu sasizaliswe lithemba nolindelo lobomi obungcono kumntu wonke.

Kodwa kwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo, iya isanda intlupheko, ukungabikho kwemisebenzi kunye nenkonzo ezingayiyo ebantwini ezibangelwa ngurhulumente weANC.

Bangaphezu kwezigidi ezingama-shumi amathathu abemi boMzantsi Afrika abavaleleke kubuhlwempu obunzulu.

Intswela-ngqesho ikwirekhodi eliphezulu.  Izinto ziya zisiba mbi minyaka le.

Kwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo ukuya phambili, siyazi ngoku ukuba inkululeko yezopolitiko ayizisi inkululeko yokwenene ngokuzenzekelayo.

Inkululeko yokwenyani iphuma kwimisebenzi, amanzi acocekileyo, umbane, iindlela ezilungileyo, izindlu eziqinileyo, iikliniki ezisemgangathweni kunye nezikolo ezisemgangathweni.

Inkululeko ngaphandle kwezi zinto zokwenyani asiyonkululeko yokwenene abantu ababeyiphupha.

Apha kule ndawo sikuyo yakwa bhaca inkululeko yokwenyani ayibonwa.

Abantu balapha basathwaxwa bubuhlwempu. Nisasela amanzi nezilwanyana. Apha kwa wadi 11, iitephu zihleli nje zomile.

Kusekho iindawo apho kungekho mbane kwaphela.

Apho usebenzisa izindlu zangasese ezinemingxuma.

Apho abantwana bakho bafunda kwizikolo eziwohlokayo ezakhiwe ngodaka, apho kumele kube nzima kakhulu ukufunda nantoni na.

Apho iikliniki zingenawo  namanzi.

Phantse wonke umntu olapha uxhomekeke kwinkamnkam.  Wonke umntu olapha uyazi ukuba izibonelelo zoluntu zithenga kancinci ngoku kunakuqala.  Indleko zamafutha, kunye neswekile, kunye nenyama (inkukhu), kunye nemifuno, kwaye nombane zinyuka ngokukhawuleza kunezibonelelo zentlalo.

Oku kuthetha ukuba kukho ukutya okuncinci enikubeka etafileni emakhaya ntsuku nje zihamba.

Wonke umntu uyazi ukuba ixabiso lepetroli liyenyuka, ngoko ke kubiza ngakumbi nangakumbi ukuya kufuna isibonelelo sikarhulumente, kwiindlela eziwohlokayo.  Xa kunetha, awukwazi ukuya edolophini ukuya kufumana isibonelelo sakho okanye uyothenga igrosari okanye uye ekliniki.  Abantwana abakwazi nokuya esikolweni.

Kodwa akunyanzelekanga ukuba kube nje bahlali.

Namhlanje kufanele niyazi intoyobana iDA ingagena kurhulumente, ayizukuba nje impilo yenu, kuba sizimisele ukuphelisa intlupheko nokudala imisebenzi.

Nangona singa phethanga ooceba bethu beDA basebenze nzima ukuqinisekisa ukuba niyafikelela kwizinto ezizisa inkululeko yokwenene nesidima kunye namalungelo nenkonzo zoluntu.

UCeba weDA uFuzile Sontsi usebenze nzima ukulungisa lendlela mihla nezolo.

Ilungu leDA ePalamente uBaxolile Nodada ulwe nzima ukufumana umbane kwindawo eseWadi 12 engazange ibenawo.

Sazama ngamandla ukuba iLutateni Senior Secondary School ilungiswe njengoba niyibona namhlanje.

UCllr Nozi Mantshongo kudala elwela ibhulorho enguTebetebe pha kwaWadi 6 ngoku iyinxalenye yeprojekthi yaseWelisizwe ka President uRamaphosa.

Sithetha nje sisebenzisana nabakwaSicas-SA ukuxhasa abantu base-Encuteni ngesitsala-manzi ukuze ningazibeki emngciphekweni wokufumana amanzi kwiqula elikwithambeka lentaba.

Lemisebenzi siyenzayo yindlela iDA ezakuphelisa ngayo intlupheko kudaleke namathuba emisebenzi.  Siza kuqinisekisa ukuba imali karhulumente ichithwa eluntwini, ukunikezela ngezinto zokwenyani ezidingwa ngabantu kwinkululeko yokwenene.

Xa kukho amanzi nombane neendlela ezintle nezikolo neekliniki ezisemgangathweni, abantu bangaqalisa baqhube amashishini, nto leyo edala amathuba emisebenzi.

Le yindlela abemi boMzantsi Afrika abanokuyifumana ngayo inkululeko yokwenene nesidima.  Akukho ndlela zimfutshane ekufikelelni apho kwaye ayikho enye indlela.

Ndilapha namhlanje ukuzoniqinisekisa ukuba iDA izibophelele ekuchitheni imali yoluntu eluntwini. Ekuqinisekiseni ukuba inkonzo ziya ebantwnini hayi kwi zihlobo nezalamane ze ANC. Yiyo loo nto ungakhe uve ngorhwaphilizo lweDA.  Lurhwaphilizo lweANC kuphela.

Sizibophelele ekuhlawuleni inkamnkam nokukhusela ixabiso lezibonelelo zentlalo, ngokuqinisekisa ukuba amaxabiso ombane nawepetroli – kwaye ke ngoko namaxabiso okutya nawo – awanyuki ngokukhawuleza kunezibonelelo zentlalo (Grant).

I-ANC iyathanda ukuxelela abantu ukuba iDA izakuphelisa inkam nkam.

Ndilapha ukuze ndikuxelele ngokwam ukuba iDA ayizukuyihlutha igranti.

Ngaphezukoko, sizawuqinisekisa ukuba ukuphatha imali yoluntu ngononophelo nangokunyaniseka, siya kukhusela amandla karhulumente okugcina ehlawula igrant naxasele siphethe elilizwe.

Apho kuphethe iDA, silandela iinkqubo ezinobulungisa zeEPWP okanye amathuba emisebenzi kunye nokwabiwa kwezindlu.

Apho siphethe khona, awukhe uve ngesondo okanye imali yemisebenzi ye-EPWP, okanye ngabahlobo kuphela booceba beANC abafumana izindlu.  Kungenxa yokuba akwenzeki apho iDA iphethe khona.

Apho kuphethe iDA, abantu banamanzi acocekileyo, umbane, iindlela ezilungileyo, izikolo kunye neekliniki.  Abantu abaninzi bayafikelela kwimisebenzi kuba amashishini amaninzi ayaqala kwaye akhule.  Kaloku iDA yenza izinto zenzeke.

Kunyaka ophelileyo, iDA ibidinga ngaphantsi kwekhulu elinamashumi asibhozo (180) ukuze iphumelele ku le wadi.  Ngo-2024, unelinye ithuba lokukhetha i-DA kwaye uqale ukuzisa inkululeko yokwenyani kule ndawo.

Emva kweminyaka engamashumi amabini anesibhozo, baya besanda abemi boMzantsi Afrika baqonda ukuba iANC ayinako ukuyizisa inkululeko yokwenyani.  Yiyo loo nto iANC ifikelela esiphelweni.  Abazukuba kurhulumente kazwelonke emva ko-2024.

NgoSuku lweNkululeko, siyakhunjuzwa ukuba abantu abaninzi batsala nzima kwaye babandezeleka kakhulu ngenxa yenkululeko yokwenene.  Abalwela inkululeko Basizuzele ilungelo lokuvota.  Sibatyala eli lungelo lixabisekileyo ukuze sifumane inkululeko yokwenene.  Ngo-2024, ivoti yeDA iya kuba yivoti yokuphelisa intlupheko nokudala amathuba emisebenzi.  Yiloo nto inkululeko yokwenyani imalunga nayo.

Ndizonikhumbuza nje lonto namhlanje, nivotele umbutho wenkonzo, umbutho wemisebeni, umbutho ozawuphelisa intlupheko, umbutho owenza izinto zenzeke, yi DA keleyo, ndiyabulela.