URhulumente onenkathalo ebengazovuma kunyuke ixabiso le petrol

Issued by Siviwe Gwarube MP – DA National Spokesperson
15 Jun 2022 in News

Le ntetho ilandelayo yenziwe lilungu lePalamente uSiviwe Gwarube MP namhlanje, ngethuba ebambe ingxoxo-mpikiswano ebaluleke kakhulu kuzwelonke malunga nokonyuka kwamaxabiso amafutha kutshanje.

Sihlalo,

Namhlanje ndithi mandithethe nabantu baseMzantsi Afrika, ndingathethi nani malungu ePalamente.

Isizathu sesokuba lo msebenzi siwenza apha ePalamente uchaphazela wonke ummi weli.

Yiyolonto kumele siqinisekise into yokuba urhulumente wenza kangangoko anako ukuqisekisa ukuba abantu bakhuselekile kumaxabiso aphezulu, angumnqobo kubantu abaninzi.

Izigidi ngezigidi zabantu beli zihlala phantsi kwemeko yentlupheko engathethekiyo.

Uninzi lwabo luswele ingqesho, into ethetha ukuthi kwimizi emininzi akho kwa mali ingenayo.

Bathi abantu besanyamezele lonto, urhulumente we ANC anyuse amaxabiso e-petrol.

Sihlalo,

Lamaxabiso anyukileyo achaphazela abo bangathathi ntweni, ingakumbi abantu abangenamisebenzi abaxhomekeke kwii-nkxaso mali zikaRhulumente.

Xa kunyuka ixabiso le-petrol, kunyuka amaxabiso okutya, kunyuka amaxabiso e-taxi nee-bus ezikhwelwayo ukuya emisebenzini.

Imali yomzali owamnkela inkxaso mali yabantwana iphelela endleleni yokuya edolophini; ingoneli kwaleyo yokuthenga ukutya.

Abantu bayaphela yindlala.

Abantwana bayakhubazeka kungafumani ukutya okusempilweni; besiya ezikolweni belambile.

Abantu abadala abakhongozela imali yendodla ikhawuleze iphelele emehlweni bexhasa iintsapho zabo.

Namhlanje sikhumbula uThabang van Stadan oneminyaka eyi-26 othathe ubomi bakhe kuba encame amathuba omsebenzi.

Ukuba namhlanje asithathi manyathelo okususa irhafu kumaxabiso e-petrol, sibulala amaphupha abo baxhomekeke kuthi ziinkokheli zabo.

Lamanani sithetha ngawo apha, ngabantu abaphilayo, ngoTata, nooMama, nooMalume babantu.

Abayomizekelo nje.

Ngamakhaya amaninzi aphelelwe lithemba – awajonge kurhulumente ukuze bafumane ubomi obunesidima njengokuba bethenjisiwe KuMgaqo-Siseko weli.

Izithethi ezininzi ze-ANC apha zithethe ngokuxakeka kwalorhulumente nokungakwazi uhlisa lamaxabiso aphezulu.

Kodwa abathethi nyani.

Inyaniso yona yeyokuba lo urhulumente akakhathali.

Ukuba ngaba besinorhulumente okhathalayo ebengazovuma konyuke ixabiso le petrol nokutya ngelizinga silibonayo.

Inyaniso yeyokuba le mali siyibhatalela ukutya ne petrol edurayo, iya kwii-pokotho zabo.

Siphethwe ngabantu abanyolukileyo nabangakhathaliyo, ohlohlesabo!

Isixa semali ebhatalelwa i-petrol iyakwingxowa yaloRhulumente.

Benzani ngale mali?

  • bayayirhwaphiliza, umntu ngamnye azakhele iNkandla okanye iPhala Phala yakhe,
  • bachitha i-R1.8 billion bezikhusela nge VIP protection.
  • apha ePalamente bayalala, barhone.

Ukuba ngaba lorhulumente ebekhathala:

  • ebangahlisa ixabiso le-petrol ngokususa lerhafu
  • ahilise ixabiso lokunya,
  • anyuseinkxaso mali yabantu abangathathintweni;
  • enze amathuba emisebenzi

Abantu beli kudala becinezelekile phantsi kwee-meko ezibuhlungu.

Kudala bebukela imali yabo ibiwa ngamasela angenankathalo.

Singumbutho we-DA sihlaba ikhwelo sisithi makukhululwe uluntu, kuze imisebenzi enika abantu isidima, kwehliswe lamaxabiso abulala abantu bethu.